Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 78:22-39 Ibhayibhile (XHO96)

22. kuba bengakholosanga ngoThixo,bengathembanga ukuba angabasindisa.

23. Kambe ke wayalela isibhakabhaka,zaza zavuleka iingcango zezulu,

24. yaza *imana yawa njengemvula,wabanika batya ukutya kwaphezulu.

25. Ewe, abantu batye ukutya kwezithunywa zezulu,baza batya bada bahlutha.

26. Wathumela umoya wasempuma wabhudla,ngamandla akhe wavusa umoya wasezantsi.

27. Wabathobela inyama,kwangathi sisivungu-vungu;inyambalala yeentaka ezingangentlabathi yolwandle

28. waziwisa apho babemise khona,ewe, zajikeleza iintente zabo.

29. Abantu batya bada bahlutha;kaloku wabanika loo nto babeyifuna.

30. Kanti ke bathe bengekadikwa,besaxakekile besatya njalo,

31. suka wavutha umsindo kuThixo,wababulala abona bomeleleyo,wabageqa abafana bakwaSirayeli.

32. Nakuba kunjalo baphikelela ukona,bangenelwa kukudelela, àbakholwa.

33. Waza ke wababhangisa okomphunga,imihla yabo yaphela lishwangusha.

34. Akubohlwaya babuyela kuye,baguquka bazinikela kuThixo.

35. Bakhumbula ukuba nguThixo inqaba yabo,bangáhlangulwa nguThixo uPhezukonke.

36. Kodwa kuloo nto yonke bamqhatha;bâthi: “Lala, gusha, ndikuchebe.”

37. Zabe iintliziyo zona zikude lee kuye,bengakhange bawunanze umnqophiso wakhe.

38. Kambe ke yena uThixo waba nenceba,wabaxolela iziphoso zabo,wazibamba akabatshabalalisa;ewe, wayewubamba futhi umsindo wakhe,wayithomalalisa ingqumbo yakhe.

39. Wakhumbula ukuba bangabantu,into edlula njengomoya iphele.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 78