Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 78:21-31 Ibhayibhile (XHO96)

21. Akuyiva le nto uNdikhoyo wacaphuka,waza wamlenya ngomlilo uYakobi.Ewe, wanoburhalarhume kuSirayeli,

22. kuba bengakholosanga ngoThixo,bengathembanga ukuba angabasindisa.

23. Kambe ke wayalela isibhakabhaka,zaza zavuleka iingcango zezulu,

24. yaza *imana yawa njengemvula,wabanika batya ukutya kwaphezulu.

25. Ewe, abantu batye ukutya kwezithunywa zezulu,baza batya bada bahlutha.

26. Wathumela umoya wasempuma wabhudla,ngamandla akhe wavusa umoya wasezantsi.

27. Wabathobela inyama,kwangathi sisivungu-vungu;inyambalala yeentaka ezingangentlabathi yolwandle

28. waziwisa apho babemise khona,ewe, zajikeleza iintente zabo.

29. Abantu batya bada bahlutha;kaloku wabanika loo nto babeyifuna.

30. Kanti ke bathe bengekadikwa,besaxakekile besatya njalo,

31. suka wavutha umsindo kuThixo,wababulala abona bomeleleyo,wabageqa abafana bakwaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 78