Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 78:20-30 Ibhayibhile (XHO96)

20. Ewe, waliqhekeza iliwa, antyunty' amanzi,kwaza kwagqobhoza imilambo.Ewe, makasinik' isonka kaloku,abaph' inyama abantu bakhe.”

21. Akuyiva le nto uNdikhoyo wacaphuka,waza wamlenya ngomlilo uYakobi.Ewe, wanoburhalarhume kuSirayeli,

22. kuba bengakholosanga ngoThixo,bengathembanga ukuba angabasindisa.

23. Kambe ke wayalela isibhakabhaka,zaza zavuleka iingcango zezulu,

24. yaza *imana yawa njengemvula,wabanika batya ukutya kwaphezulu.

25. Ewe, abantu batye ukutya kwezithunywa zezulu,baza batya bada bahlutha.

26. Wathumela umoya wasempuma wabhudla,ngamandla akhe wavusa umoya wasezantsi.

27. Wabathobela inyama,kwangathi sisivungu-vungu;inyambalala yeentaka ezingangentlabathi yolwandle

28. waziwisa apho babemise khona,ewe, zajikeleza iintente zabo.

29. Abantu batya bada bahlutha;kaloku wabanika loo nto babeyifuna.

30. Kanti ke bathe bengekadikwa,besaxakekile besatya njalo,

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 78