Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 78:11-22 Ibhayibhile (XHO96)

11. Suke ayilibala imisebenzi yakhe,imiqondiso awayewabonise yona.

12. UThixo wenza imimangaliso phambi kooyise,eJiputa kumathafa aseZowan.

13. Walahlula-hlula ulwandle, bawela,amanzi aba yinduli ngapha nangapha.

14. Wabakhokela ngelifu emini,ebusuku wabakhokela ngomlilo.

15. Waqhekeza amawa entlango,basela amanzi ampompozayo.

16. Wavelisa imithombo elulwalweni,amanzi aqukuqela ngathi yimilambo.

17. Kodwa baphindelela ukona,bavukelana naye uPhezukonke entlango.

18. Bamvavanya ngabom uThixongokubiza ukutya ababekubawela.

19. Baphoxisa ngoThixo bathi:“Angakuthatha phi na ukutya apha entlango?

20. Ewe, waliqhekeza iliwa, antyunty' amanzi,kwaza kwagqobhoza imilambo.Ewe, makasinik' isonka kaloku,abaph' inyama abantu bakhe.”

21. Akuyiva le nto uNdikhoyo wacaphuka,waza wamlenya ngomlilo uYakobi.Ewe, wanoburhalarhume kuSirayeli,

22. kuba bengakholosanga ngoThixo,bengathembanga ukuba angabasindisa.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 78