Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 77:7-17 Ibhayibhile (XHO96)

7. “Ngaba yondilahla kuphele iNkosi,ingaze ibuye indamkele?

8. Ngaba lutshitshile na uthando lwayo?Sibhangile na isithembiso sayo?

9. Selekulibele na uThixo ukubuya ngetarhu?Ngaba umsindo wakhe uluvalile uvelwano?”

10. Ndide ndithi: “Nantsi eyona indixhelayo:kukunqamka kwamandla kaPhezukonke.

11. Ndikhumbula izenzo zakho, *Ndikhoyo;ewe, ndicinga ngemimangaliso yamandulo.

12. Ndicamngca ngemisebenzi yakho;ndetyisa izenzo zakho ezikhwankqisayo.”

13. Hayi ke beth' ubunyulu bukaThixo!Thixo wuphi ofana noThixo wethu?

14. Wena unguThixo owenza imimangaliso;amandla akho abonakele phakathi kwabantu;

15. Wabakhulula ngamandla akho abantu;ewe, nditsho oonyana bakaYakobi nabakaJosefu.

16. Uthi wakuvela wena, Thixo, arhwaqel' amanzi,nenzongonzongo yolwandle ingcangcazele.

17. Amafu wona atsho avuz' amanzi,isibhakabhaka sona sagragrama,imibane yona yaphithizela.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 77