Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 68:1-11 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngamana waphakam' uThixo,waziswantsulis' iintshaba zakhe.Banga bangaba ziintsali abamthiyileyo.

2. Mabaphaphatheke; bavuthele, bathi shwaka, baxel' umsi.Mabanyibilike, baxel' umthwebeba emlilweni.Mababhubhe phantsi koThixo abakhohlakeleyo.

3. Ke wona amalungisa makonwabe.Wona makavuye phambi koThixo.Ewe, makabe nemihlali nemincili.

4. Culelani uThixo, nibong' igama lakhe.Ewe, mbongeni lowo ucand' emafini.Igama lakhe *nguNdikhoyo, vuyani ngenxa yakhe.

5. UThixo usendlwini yakhe engcwele.Nguyise weenkedama, umthetheleli wabahlolokazi.

6. Abangenabani ubenzela izihlobo.Amabanjwa uwakhokelela enyhwebeni;ke bona abavukeli bohlala kwelingumqwebedu.

7. Ke wena, Thixo, wabakhokela abantu bakho;wanyantsula, wacanda entlango.

8. Umhlaba watsho wanyikima, yagalelek' imvula,ngokufika kukaThixo waseSinayi;ewe, nditsho uThixo wamaSirayeli.

9. Wena, Thixo, wathulula izandyondyo zemvula,walinyanga ilizwe lakho elibharhileyo.

10. Abantu bakho watsho bazuza umhlaba wokuma;ngenceba yakho wabazelelela abahlelelekileyo.

11. INkosi inika umyalelo,batsho babe baninzi abavakalisa iindaba.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 68