Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 55:2-3-17 Ibhayibhile (XHO96)

2-3. Sabela, undiphendule.Kaloku iinkathazo zindongamele.Ngenxa yezisongelo zeentshaba zam ndididekile;ingcinezelo yabangendawo indixinile.Bafumba inkxwaleko phezu kwam;futhi bandingcikiva ngolunya.

4. Ndiyajijitheka ngaphakathi;izoyikiso zokufa zindivingcele.

5. Andoyiki ndiyagubha!Ukunkwantya kuyandirhwaqelisa.

6. Ndide ndithi: “Akwaba bendinamaphiko njengehobe!Bendiya kuntinga ndiye kuphumla kude lee.

7. Ewe, bendiya kubethwa ngumoya,ndihlale entlango.

8. Ndandiya kukhawuleza ndizifunele umqolomba,ndiyizimele kuyo imimoya ebhudlayo.”

9. Nqanda, Mhlekazi!Waphuthise amacebo abo!Kubhidanise ukuthetha kwabo, bangevani,kuba ndibona ugonyamelo nesidube-dube esixekweni.

10. Imini nobusuku bajikeleza ezindongeni zesixeko;siyaphuphuma bububhoja nobutshijolo.

11. Ewe, siphuphuma intshabalalo;ezindaweni zeembutho yingcinezelo nobukrelemnqa.

12. Kambe ke andingcikivwa lutshaba.Ukuba ibilulo bendinganyamezelayo.Asinguye ondichasayo lo undiqholoselayo,okanye bendingamphephayo.

13. Koko nguwe, ntangam, wena gxa wam,mhlobo wam osenyongweni.

14. Fudula sisidl' imbadu kunye;endlwini kaThixo sasikunye, singumtya nethunga.

15. Ngamana zahlaselwa kukufa iintshaba zam.Ewe, ngamana zehlela kwelabafileyo zihleli.Koloku amakhaya azo aqhelene nobubi.

16. Kambe ke ndibhenela kuThixo.Ewe, *uNdikhoyo uya kundihlangula.

17. Kusasa emini nangokuhlwandithiwe mbende ngumva-ndedwa;saye ke isililo sam sinyukela kuye,futhi ke uza kundiphulaphula.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 55