13. Koko nguwe, ntangam, wena gxa wam,mhlobo wam osenyongweni.
14. Fudula sisidl' imbadu kunye;endlwini kaThixo sasikunye, singumtya nethunga.
15. Ngamana zahlaselwa kukufa iintshaba zam.Ewe, ngamana zehlela kwelabafileyo zihleli.Koloku amakhaya azo aqhelene nobubi.
16. Kambe ke ndibhenela kuThixo.Ewe, *uNdikhoyo uya kundihlangula.
17. Kusasa emini nangokuhlwandithiwe mbende ngumva-ndedwa;saye ke isililo sam sinyukela kuye,futhi ke uza kundiphulaphula.
18. Yena uza kundikhulula,ndingenawo nowempumlo,kweli dabi ndikulo,kwezingaka zona iintshaba.
19. Ewe, uThixo owaba sesihlalweni kwamandulo uza kusabela;waye ke eya kuzibhukuqa.Kaloku zona aziguquki, zingamkhathalele noThixo.
20. Ewe, obefudula engugxa wamsuka wavukela izihlobo zakhe,wasaphula isithembiso sakhe.
21. Yena wayethetha kamnandi,kodwa intliziyo yona ifukam' inkohlakalo.Amazwi akhe ayelalanisa,kodwa engebukhali, eyintshengeca!