Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 54:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngegunya lakho ndisindise, Thixo;ngamandla akho undikhulule.

2. Wuphulaphule umthandazo wam,sive isikhalo sam, Thixo.

3. Iintlanga ziyandihlasela;izikhohlakali zizungula ukundibulala.Zona azimkhathalele nganto uThixo.

4. Kodwa ke umncedi wam nguThixo,umxhasi wam nguMhlekazi.

5. Ngamana wayibuyisela kwasezintshabeni zam inkohlakalo yazo.Zibhangise, kuba uthembekile wena.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 54