Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 49:15-20 Ibhayibhile (XHO96)

15. Ke mna ke, uThixo uya kundikhulula;uya kundihlangula andithathele kuye.

16. Sukuxhala wakubona umntu ehluma,wakubona ubutyebi bakhe bukhula.

17. Akanakuhamba nabo xa afayo;ubutyebi buya kusala ngasemva.

18. Nakuba ebezicingela ukuba wonwabile ngokuya ebesaphila,nokuba ebenconywa ngempumelelo,

19. wohamba aye kuhlala namanyangeangaze abonane nokukhanya.

20. Umntu osisinhanha, kodwa engenangqiqo,uyafana nje nezilwanyana ezi zitshabalalayo.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 49