Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 37:8-27 Ibhayibhile (XHO96)

8. Zilumle emsindweni, uyilahle ingqumbo,ungazidub' umphefumlo, hleze unxunguphale.

9. Kaloku othi shwaka amatshijolo,kodwa boba zizima-mhlaba abathembele kuNdikhoyo.

10. Ngumzuzwana nje athi shwak' amatshijolo;uthi uwakhangela ungawaboni.

11. Kodwa bona abathobekileyo bowuma umhlaba,baxhamle intlutha noxolo.

12. Amatshijolo awenzela amayelenqe amalungisa,awajamele ngentiyokazi enkulu.

13. Kodwa uNdikhoyo usuka acubhuke yintsini,kuba uyazi yena ukuba imihla yamatshijolo selisongekile.

14. Arhola amakrele, ajolise iintolo zawo amatshijolo,efun' ukuwisa iintsizana namahlwempu,abulale amalungisa.

15. Otyakatywa kwangelawo ikrele,zaphulwe nezo ntolo zawo.

16. Obo buncinanana linabo ilungisa,bungcono kunentaphane ezinayo izikrelemnqa,

17. kuba uya kuzaphul' iimpondo uNdikhoyo izikrelemnqa,awenzelelele wona amalungisa.

18. UNdikhoyo uyawabonelela amalungisa,awenze awume umhlaba ngalo lonk' ixesha.

19. Akayi kuntshubaza ngamaxesh' endlala;ohlutha naxa ikati selilel' eziko.

20. Ke zona iintshaba zikaNdikhoyo zotshabalala,zibhange zixel' ingca etshayo edlelweni.

21. Izikrelemnqa ziboleka zingabuyisi,ke lona ilungisa lipha ngesisa.

22. Boba zizima-mhlaba abo abathamsanqelayo uNdikhoyo,bagxothwe abo abaqalekisayo.

23. NguNdikhoyo okhokelela umntu kwindlela amakahambe ngayo;nguye omenza akholeke kuye.

24. Nokuba uwile, uyavuka,kuba nguNdikhoyo omthundezayo.

25. Ndiyaluphala ngoku,ukanti andizange ndilibone ilungisa lintshubaza,nabantwana balo belamba.

26. Lisoloko libolekisa, lisipha ngesisa,nenzala yalo iyathamsanqelwa.

27. Yahlukana nobubi, wenze okulungileyo;uya kwalulelwa imihla yakho ebomini.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 37