Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 36:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. Isono esendele entliziyweni siyamngxolela umnt' ogwenxa,asuke angamoyiki uThixo.

2. Simthi lwale ngokuzikhohlisaangaliboni isikizi lobubi baso.

3. Intetho yakhe ayilunganga; izele yinkohliso.Selephelelwe nakukwazi ukwenza okulungileyo.

4. Xa esemandlalweni ucinga amacebo aphuthileyo,azimisele ukuhamba ngendlela egwenxa,angayityesheli inkohlakalo.

5. Kodwa zona izibele zakho, Ndikhoyo, ziye kuthi gaa ngamazulu,nentembeko yakho yaya kuthi ngqu ngamafu.

6. Ukulunga kwakho akugungqi, kunjengentaba;zinzulu njengolwandle zona izigqibo zakho.Uyabanakekela abantu nezilo, wena Ndikhoyo.

7. Hayi izibele zakho, Thixo, ebantwini!Oonyana babantu bazimela phantsi kwephiko lakho.

8. Baxhamla intlutha yendlu yakho;ubaseze kumlambo wokulunga kwakho.

9. Wena ulithende lobomi;ngokhanyiso lwakho sibona ukukhanya.

10. Mazinganqamki izibele zakho kubo bonke abo bakwaziyo,uwabonelele amalungisa.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 36