Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 32:2-10 Ibhayibhile (XHO96)

2. Ewe, unoyolo lowo athe *uNdikhoyo akabubalela kuye ubugwenxa bakhe,umnt' ongenayo konke inkohliso.

3. Ndithi ndakungasivumi isono sam,amandla atsho andiphelele,ngenxa yesingqala endiba naso imini yonke.

4. Isandla sakho sindicinezele ubusuku nemini,ndaphelelwa ngamandla, ngathi ndigqatswe lilanga lehlobo.

5. Ndithe ke ndakusivuma kuwe isono sam,ndabuxela ubugwenxa bam, ndisithi:“Ndisixela kuwe, Ndikhoyo, isono sam;”wandixolela wena ityala lam.

6. Yiyo ke loo nto bazibikayo xa kunzima abo banyanisekileyo,kuba ukufika komsinga abayi kugutyungelwa.

7. Wena uyinqaba endizifihla kuyo;uyandikhusela xa ndisebunzimeni.Undirhangqe ngosindiso lwakho;ngoko ke ndimemelela ndinemincili.

8. Ndokwazisa indlela omawuhambe ngayo,utsho uNdikhoyo,ndikufundise, ndikujonge.

9. Mus' ukuba sisititsi, uxel' ihashe nembongolo,izintw' ezilawulwa ngomkhala ukuze zingadlokovi.

10. Bajongene neentsizi ezininzi abantw' abagwenxa,kodwa yena othembele kuNdikhoyo uphahlwe zizibele zakhe.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 32