Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 30:5-12 Ibhayibhile (XHO96)

5. Kaloku yeyomzuzwana ingqumbo yakhe;ukanti buhlala buhlel' ububele bakhe.Ewe, zibakho zon' iinzingo ebusuku,kodwa kusasa kuba yimincili yodwa.

6. Xa izinto zazindilungele,ndandidla ngokuthi: “Andisoze ndoyisakale.”

7. Ewe, ndandithe zinzi njengentabangenxa yobubele bakho, Ndikhoyo.Suka wena wasithela;ndaza mna ndakhathazeka.

8. Kodwa ndithembele kuwe, Ndikhoyo;ndiyazithoba kuwe, Nkosi yam.

9. Kukho nzuzoni na xa ndiye kwantshabalala?Lunganako na ukukudumisa uthuli?Khona lungabalisa na ngokunyaniseka kwakho?

10. Ndive, Ndikhoyo, undenzele inceba;Ndikhoyo, yiba ngumncedi wam.

11. Wabuguqula baluvuyo ubunzima bam;wandikhulul' ezokuzila, wandambathis' ezolonwabo.

12. Mandikubonge ndingayeki, Thixo wam;ewe, ndikubonge kude kube ngunaphakade, Ndikhoyo!

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 30