Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 30:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ndokudumisa, Ndikhoyo, kuba undisindisile,akwavuma ukuba zindivuyelel' iintshaba zam.

2. Ndikhoyo, Thixo wam, ndibhenela kuwe;kuba wena undihlangule ekufeni.

3. Wandikhupha kwelabafileyo wena, Ndikhoyo;wandikhetha kwabo behlela emhadini.

4. Mbongen' uNdikhoyo, nina milowo yakwakhe,nilibonge igama lakhe elingcwele.

5. Kaloku yeyomzuzwana ingqumbo yakhe;ukanti buhlala buhlel' ububele bakhe.Ewe, zibakho zon' iinzingo ebusuku,kodwa kusasa kuba yimincili yodwa.

6. Xa izinto zazindilungele,ndandidla ngokuthi: “Andisoze ndoyisakale.”

7. Ewe, ndandithe zinzi njengentabangenxa yobubele bakho, Ndikhoyo.Suka wena wasithela;ndaza mna ndakhathazeka.

8. Kodwa ndithembele kuwe, Ndikhoyo;ndiyazithoba kuwe, Nkosi yam.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 30