Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 2:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngani na izizwe zisenza imbudumbudu nje?Ngani na abantu besenza amayelenqe azé nje?

2. Ookumkani bemi bume,neziphathamandla zenza amabhungaokuvukela *uNdikhoyo nomthanjiswa wakhe, besithi:

3. “Masiziqhawule ezo mbophelelo zabo,sikhululeke kuloo makhamandela abo.”

4. Lowo ungqendeve esihlalweni sakhe ezulwini uyabahleka;uNdikhoyo usuka abagxwale.

5. Uya kusuka akhalimele ngomsindo,abankwantyise ngengqumbo yakhe, athi:

6. “Ndim lo umisele lo kumkani wam phezu kweZiyon,intaba yam ncakasana.”

7. Ewe, ndivakalisa isibhengezo sikaNdikhoyo esithi:“Ungunyana wam wena; ndikuzele namhlanje.

8. Cela kum, ndikunike iintlanga zibe lilifa lakho,namaphethelo ehlabathi abe ngawakho.

9. Wòzilawula ngegqudu lentsimbi,ùzintlekeze zibe ziingceba oku kwezitya zomdongwe.”

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 2