Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 18:2-6 Ibhayibhile (XHO96)

2. NguNdikhoyo iliwa lam; nguye inqaba yam; nguye umkhuseli wam.Xa ndizimele ngoThixo wam ndihlala ndikhuselekile.Nguye ikhaka lam, nguye ondigcina ndifihlakele.

3. Ndithi ndakukhala kuNdikhoyo,asuke andithi hlasi kwiintshaba zam.Ngenene, makabongwe uNdikhoyo!

4. Bendirhintyelwe ziintambo zokufa,amaza arhaxayo endigubungele.

5. Ukufa bekundirhangqile,ingcwaba selivuleke lithe ng'aa.

6. Ndazibika kuNdikhoyo ndikuloo ngxingongo,ndalucela uncedo kuThixo wam.Wandiva engqendeve ebhotwe lakhe,savakala kuye isikhalo sam.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 18