Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 16:5-11 Ibhayibhile (XHO96)

5. Nguwe kuphela, Ndikhoyo, inxaxheba endiyabelweyo;lisentendeni yesandla sakhw' ibango lam.

6. Isabelo sam sisendaweni entle;hayi ukuba lihle kwalo ilifa lam!

7. Mbongeni uNdikhoyo ngokuba endiphe icebo;nesazela sam siyandiluleka ebusuku.

8. Ndihlala ndimbeke phambi kwam uNdikhoyo;ungasekunene kwam, ngoko ke andiyi kushukunyiswa nto.

9. Yiyo ke loo nto ndihleli ndichwayitile nje;ngenene ndiziva ndikhuselekile.

10. Kaloku akuyi kundishiya enyanyeni ndide ndife;akuyi kusiyeka sibole isicaka sakho esithembekileyo.

11. Wena undazisa iindlela zobomi;kaloku ndizala yimincili xa ndiphambi kwakho.Ngasekunene kwakho yimihlali yodwa kude kube ngunaphakade.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 16