4. Bazandisel' iintsizi abo bazinyulela *thixo wumbi.Andiyi kuba nanxaxheba kumadini abo;andiyi kubanqula ngomlomo wam oothixo babo.
5. Nguwe kuphela, Ndikhoyo, inxaxheba endiyabelweyo;lisentendeni yesandla sakhw' ibango lam.
6. Isabelo sam sisendaweni entle;hayi ukuba lihle kwalo ilifa lam!
7. Mbongeni uNdikhoyo ngokuba endiphe icebo;nesazela sam siyandiluleka ebusuku.
8. Ndihlala ndimbeke phambi kwam uNdikhoyo;ungasekunene kwam, ngoko ke andiyi kushukunyiswa nto.
9. Yiyo ke loo nto ndihleli ndichwayitile nje;ngenene ndiziva ndikhuselekile.
10. Kaloku akuyi kundishiya enyanyeni ndide ndife;akuyi kusiyeka sibole isicaka sakho esithembekileyo.
11. Wena undazisa iindlela zobomi;kaloku ndizala yimincili xa ndiphambi kwakho.Ngasekunene kwakho yimihlali yodwa kude kube ngunaphakade.