Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 145:7-18 Ibhayibhile (XHO96)

7. Baya kuluxela udumo lokulunga kwakho;ewe, baya kutsholoza bencoma ubulungisa bakho.

8. UNdikhoyo unesisa, yaye enovelwano.Yena unomonde; uyimvuze-mvuze bububele.

9. UNdikhoyo uyabalungiselela bonke abantu;unemfobe ngazo zonke izinto azenzileyo.

10. Zonke izinto ozenzileyo ziya kudomboza zibulele, Ndikhoyo;imilowo yakwakho iya kukudumisa.

11. Baya kuyibhengeza indili nesidima solawulo lwakho;amandla akho aya kuba ngundaba-mlonyeni,

12. ukuze uluntu luzazi izigigaba ozenzileyokwanesidima nobuqaqawuli bolawulo lwakho.

13. Ulawulo lwakho alunamida yasiphelo;ubukhosi bakho bozityhutyha zonke izizukulwana.Ilizwi alithethileyo uNdikhoyo alidliwa nja,yaye unesisa kuko konke akwenzileyo.

14. UNdikhoyo uyabaxhasa bonke abagqush' eluthulini,abaphakamise bonke abathobekileyo.

15. Iinto zonke zikhangela kuye ngethemba,ke yena uyazondla ngexesha elililo.

16. Ewe, yena zivulekile izandla zakhe,izinto zonke uyazanelisa ngokweentswelo zazo.

17. UNdikhoyo ulilungisa ngeendlela zonke,unobubele kuko konke akwenzayo.

18. UNdikhoyo ukufuphi kwabo babhenela kuye,kwabo bamfuna benyanisekile.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 145