1. Ndiya kukuncoma, Thixo ongukumkani wam;igama lakho ndolibonga nanini nanini.
2. Ndiya kukubulela mihla le;igama lakho ndolidumisa kude kuse ephakadeni.
3. Ngenene *uNdikhoyo yingangalala, ufanele ukudunyiswa;obakhe ubukhulu abuphengululeki.
4. Isizukulwana siya kubalisela esilandelayo ngemisebenzi yakho;siya kuzibhengeza izigigaba zakho kwisizukulwana esilandelayo.
5. Ndiya kucamngca ngemisebenzi yakho emangalisayo,nesidima sobuqaqawuli bobungangamsha bakho.