Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 145:1-13 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ndiya kukuncoma, Thixo ongukumkani wam;igama lakho ndolibonga nanini nanini.

2. Ndiya kukubulela mihla le;igama lakho ndolidumisa kude kuse ephakadeni.

3. Ngenene *uNdikhoyo yingangalala, ufanele ukudunyiswa;obakhe ubukhulu abuphengululeki.

4. Isizukulwana siya kubalisela esilandelayo ngemisebenzi yakho;siya kuzibhengeza izigigaba zakho kwisizukulwana esilandelayo.

5. Ndiya kucamngca ngemisebenzi yakho emangalisayo,nesidima sobuqaqawuli bobungangamsha bakho.

6. Abantu baya kububhengeza ubukhulu bezenzo zakho ezikhwankqisayo,ndaye ndiya kububabaza ubukhulu bakho.

7. Baya kuluxela udumo lokulunga kwakho;ewe, baya kutsholoza bencoma ubulungisa bakho.

8. UNdikhoyo unesisa, yaye enovelwano.Yena unomonde; uyimvuze-mvuze bububele.

9. UNdikhoyo uyabalungiselela bonke abantu;unemfobe ngazo zonke izinto azenzileyo.

10. Zonke izinto ozenzileyo ziya kudomboza zibulele, Ndikhoyo;imilowo yakwakho iya kukudumisa.

11. Baya kuyibhengeza indili nesidima solawulo lwakho;amandla akho aya kuba ngundaba-mlonyeni,

12. ukuze uluntu luzazi izigigaba ozenzileyokwanesidima nobuqaqawuli bolawulo lwakho.

13. Ulawulo lwakho alunamida yasiphelo;ubukhosi bakho bozityhutyha zonke izizukulwana.Ilizwi alithethileyo uNdikhoyo alidliwa nja,yaye unesisa kuko konke akwenzileyo.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 145