8. Mayingafezeki iminqweno yezikhohlakali, Ndikhoyo;mazibuye nembande yesikhova kumayelenqe azo.
9. Abo bandirhawulayo bayabhobhoza;izisongelo zabo mazenzakalise kwabona.
10. Akwaba bebengabuxulwa ngamalahle avuthayo,bahalakatsheke enzonzobileni, bangaze babuye.
11. Abaphixanisi mabangaze bahlume;izijama-nkungwini mazonganyelwe bububi, zitshabalale.
12. Ndiyazi ukuba wena uyabalungiselela abacinezelweyo;ewe, Ndikhoyo, uyababonelela abo bagqush' eluthulini.
13. Ngenene amalungisa aya kukudumisa;ewe, kaloku wona aya kuhlala nawe.