Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 138:5-8 Ibhayibhile (XHO96)

5. Ziya kumemelela, zibonga iindlela zikaNdikhoyo,kuba kaloku sibalasele isidima sakhe.

6. Ewe, nakuba uMhlekazi enguSomaqhuzu nje,ubanonophele abagqush' eluthulini;ke bona abaqholosayo ubabukele.

7. Nokuba ndidavuza ezinkathazweni, wena uyandikhusela;ulwa nazo iintshaba zam, undihlangule ngamandla akho.

8. UNdikhoyo uyalifezekisa icebo lakhe ngam.Kambe ke, Ndikhoyo, izibele zakho zisisimakade;ungabi sawushiya umsebenzi wezandla zakho.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 138