Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 127:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ukuba *uNdikhoyo akayakhi indlu,bafumana bebulaleka abayakhayo.Ukuba asaluswa nguNdikhoyo isixeko,ancam' ubuthongo ngelize amajoni alindayo.

2. Ngamampunge ukuzabalaza uzam' ukuzixhasa,uvuka ngentseni, ulal' ezinzulwini,ungumaphila-kukuzenzela.Kaloku uNdikhoyo uyabaxhasa abakhe;ewe, yena ubaxhasa belele.

3. Uyabona ke, oonyana lilifa elivela kuNdikhoyo;ngenene, abantwana sisipho esivela kuye.

4. Oonyana bendodana bafana neentoloelixhobe ngazo ijoni.

5. Hay' ukuzimaseka kwendoda enesiphampa sazo!Ayisoze yadeleka mpela,naxa ixambulisana neentshaba enkundleni.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 127