Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 118:10-20 Ibhayibhile (XHO96)

10. Ndakha ndarhawulwa ziintlanga,kodwa egameni likaNdikhoyo ndaziqwakanisa.

11. Ewe, zazindirhawule mbombo zone,kodwa ngamandla kaNdikhoyo ndalalisa ugodo.

12. Wena wakha wagutyungelwa libubu leenyosi?Hayi, zazidangazela njengomlilo wameva,kodwa ngamandla kaNdikhoyo ndaziswantsulisa.

13. Zazindityhala ndaphantse ndakhahlelwa phantsi,kodwa nalapho uNdikhoyo wandinceda.

14. Ingoma yam namandla am nguNdikhoyo;ewe kaloku, ndisindiswa nguye.

15. Nantso intsholo yoloyiso ivakala;kaloku amalungisa ayamemelela,athi: “Ubungangamsha bukaNdikhoyo bugqwesile;

16. amandla kaNdikhoyo abalasele;ewe, ubungangamsha bukaNdikhoyo bugqwesile!”

17. Mna andiyi kufa; ndiya kudla ubomi,ndibalise ngezenzo zikaNdikhoyo.

18. Yena undohlwaye kabukhali;kambe ke akandiyekelanga ekufeni.

19. Khanindivulele amasango endlu kaThixo,khon' ukuze ndingene ndidumise uNdikhoyo.

20. Nali isango lokungena kwaNdikhoyo;ngamalungisa odwa angenayo ngalo.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 118