Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 106:9-15 Ibhayibhile (XHO96)

9. Wawis' izwi, lwaza loma qoko uLwandle oluBomvu;wabaweza kuloo nzonzobila,banga bahamb' enkangala.

10. Wenjenjal' ukubakhulula esandleni sotshaba;wabahlangula kubabandezeli babo.

11. Zagutyungelwa ngamanzi iintshaba zabo,akwasinda namnye kuzo.

12. Bandul' ukuziqonda ke izithembiso zikaNdikhoyo,baza badomboza betyibela ngemibongo.

13. Kwakamsinya bazilibala izintw' abenzele zona,benza ukuthanda kwabo bengajonge cebiso kuye.

14. Entlango bangenwa kukubawa,baza bamlinga uThixo kuloo nkangala.

15. Wabenzela izicelo zabo,kodwa wabathumela ngobhubhani wesifo.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 106