Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 106:4-14 Ibhayibhile (XHO96)

4. Uzundikhumbule, Ndikhoyo, xa ubonelel' abantu bakho;ungandishiyi, Ndikhoyo, xa ubahlangulayo.

5. Nam maze ndiyibon' inkqubela yabanyulwa bakho,ndize ndivuye kunye nabantu bakho,ndilixhamle ibhongo neqhayiya labantu bakho.

6. Nathi sone njengookhokho,sikwenzile ukungcola nobubi.

7. Xa babeseJiputa oomawokhuluzange bazinanze izenzo zakhw' ezidumileyo;bazilibala izibele zakho,basuka bamvukel' uPhezukonke kuLwandl' oluBomvu.

8. Kodwa wabahlangula uNdikhoyo ngenxa yegama lakhe,khon' ukuze bawaqonde amandla akhe.

9. Wawis' izwi, lwaza loma qoko uLwandle oluBomvu;wabaweza kuloo nzonzobila,banga bahamb' enkangala.

10. Wenjenjal' ukubakhulula esandleni sotshaba;wabahlangula kubabandezeli babo.

11. Zagutyungelwa ngamanzi iintshaba zabo,akwasinda namnye kuzo.

12. Bandul' ukuziqonda ke izithembiso zikaNdikhoyo,baza badomboza betyibela ngemibongo.

13. Kwakamsinya bazilibala izintw' abenzele zona,benza ukuthanda kwabo bengajonge cebiso kuye.

14. Entlango bangenwa kukubawa,baza bamlinga uThixo kuloo nkangala.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 106