Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 106:16-31 Ibhayibhile (XHO96)

16. Bammonela uMosis apho entlango,nditsho naso isicaka sikaNdikhoyo uAron.

17. Wavuleka wona umhlaba waginya uDatan,wagqumelela uAbhiram kunye neqela lakhe.

18. Kwagqabhuk' umlilo phakathi kwabo,awabhuq' onk' amatshijolo amalangatye.

19. Babumba ithole eHorebhe,baza banqula kwaloo mfanekiso bawenzileyo.

20. Ngale ndlela isihomo sikaThixobasinika umfanekiso wenkomo, into edla utyani.

21. Bamfulathela uMsindisi wabo,kanye lo wabenzela izinto ezintle eJiputa.

22. Hay' ubukhulu bezinto abenzela zona kwelakwaHam;hay' ukukhwankqisa kwemimangaliso kuLwandl' oluBomvu!

23. Yiyo ke loo nto athe nge-ebabhangisile uThixoukuba uMosis isicaka sakhe wayengabamelanga,athibaz' ingqumbo kaThixo bangatshabalali.

24. Balicekisa ilizwe elihle kakhulu,kuba babengazikholelwa izithembiso zikaThixo.

25. Babehlala ezintenteni bekrokra,bengawuthobeli umyalelo kaNdikhoyo.

26. Wamis' isibhozo efung' esithiwobayeka bafel' aph' enkangala,

27. ize inzala yab' ayichitha-chithe phakathi kweentlanga,ibe ziintsalu apho kumazw' asemzini.

28. Basuka bazibandakanya nabanquli bakaBhali wasePehore,batya nokutya kwamadini *ezithixo.

29. Bamcaphukisa uNdikhoyo ngezenzo zabo,kwabakho ubhubhani wesifo phakathi kwabo.

30. Waphakama wabangxengxezela uPineyasi,saza sathomalala isibetho eso.

31. Ngale nto ke wabalelwa kumalungisa,wahlala ekhunjulwa izizukulwana ngezizukulwana.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 106