Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 106:13-22 Ibhayibhile (XHO96)

13. Kwakamsinya bazilibala izintw' abenzele zona,benza ukuthanda kwabo bengajonge cebiso kuye.

14. Entlango bangenwa kukubawa,baza bamlinga uThixo kuloo nkangala.

15. Wabenzela izicelo zabo,kodwa wabathumela ngobhubhani wesifo.

16. Bammonela uMosis apho entlango,nditsho naso isicaka sikaNdikhoyo uAron.

17. Wavuleka wona umhlaba waginya uDatan,wagqumelela uAbhiram kunye neqela lakhe.

18. Kwagqabhuk' umlilo phakathi kwabo,awabhuq' onk' amatshijolo amalangatye.

19. Babumba ithole eHorebhe,baza banqula kwaloo mfanekiso bawenzileyo.

20. Ngale ndlela isihomo sikaThixobasinika umfanekiso wenkomo, into edla utyani.

21. Bamfulathela uMsindisi wabo,kanye lo wabenzela izinto ezintle eJiputa.

22. Hay' ubukhulu bezinto abenzela zona kwelakwaHam;hay' ukukhwankqisa kwemimangaliso kuLwandl' oluBomvu!

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 106