Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyonqulo 6:12-21 Ibhayibhile (XHO96)

12. Umlilo weqonga wona kufuneka uhlale uvutha, ungaze uyekwe ucime. Mihla le kusasa umbingeleli kufuneka awukhwezele umlilo, abeke idini elitshiswayo, aze atshise namanqatha edini lobudlelane.

13. Lo mlilo kufuneka usoloko uvutha apho eqongeni, ungaze uyekwe ucime.

14. Le miyalelo ilandelayo iphathelele kwiminikelo ekukutya. Ngumbingeleli womlibo ka-Aron oya kwenzela *uNdikhoyo iminikelo yokutya phambi kweqonga.

15. Uya kuthatha umgubo wengqolowa kangangesandla, namafutha omnquma, athathe nentlaka yesiqhumiso ebekwa phezu kwazo, aze azitshise apho eqongeni, zibe ngumqondiso wokuba konke oko kutya kunikelwa kuNdikhoyo. Ivumba lalo mnikelo liyathandeka kuNdikhoyo.

16-17. Okuseleyo koba kokwababingeleli.Makwenziwe isonka sentlama engenagwele, sityelwe endaweni ekhethekileyo apho enkundleni *yesibingelelo. Le yinxaxheba uNdikhoyo ayinika ababingeleli kwiminikelo yokutya. Yinxaxheba eyodwa engcwele, efana kanye naleya yamadini okungxengxezela izono neminikelo yentlawulo.

18. Iya kutyiwa ngamadoda omlibo ka-Aron njengesabelo sawo sokutya okunikelwa kuNdikhoyo. Omnye umntu ochukumise oku kutya kungumnikelo woba nophawu lukaNdikhoyo, abe semngciphekweni.

19-20. Le yinkqubo eya kuhlala ihleli yokumisela umbingeleli womlibo ka-Aron eyanikwa uMosis nguNdikhoyo. Ngalo mhla kanye amiselwa ngawo loo mbingeleli kufuneka anikele kuNdikhoyo ikhilogram ibe nye yomgubo wengqolowa, ube ngumnikelo wokutya. Uya kuba sisiqingatha kusasa, ube sisiqingatha nangokuhlwa.

21. Kufuneka udityaniswe namafutha, uze ugcadwe, ugraywe, uze unikelwe. Ivumba lawo liyathandeka kuNdikhoyo.

funda isahluko epheleleyo Eyonqulo 6