Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyonqulo 17:7-14 Ibhayibhile (XHO96)

7. AmaSirayeli makangaphindi anganyaniseki kuNdikhoyo ngokuxhelela naphi na, esenzela iindimoni amadini. Esi sithethe amaSirayeli makangaze asityeshele.

8. UmSirayeli okanye umngeneleli othe wenzela uNdikhoyo idini elitshiswayo, okanye naliphi na elinye idini,

9. ongalenzelanga uNdikhoyo ngasesangweni lesibingelelo, loo mntu kufuneka asikwe ebantwini bakaThixo.

10. UmSirayeli okanye umngeneleli othe watya inyama yento engophanga, *uNdikhoyo womfulathela, angabi nabudlelane naye.

11. Igazi bubomi bayo nayiphi na into ephilayo. Yiyo ke loo nto uNdikhoyo ayalela ukuba kungxengxezelwe ngalo izono zabantu eqongeni. Igazi libubomi, licamagushela izono.

12. Yiyo ke loo nto uNdikhoyo athe amaSirayeli nabangeneleli maze bangayityi inyama yento engophanga.

13. Xa kukho umSirayeli okanye umngeneleli othe wazingela wabamba inyamakazi okanye intaka etyiwayo, kufuneka igazi layo alivuzisele emhlabeni, aze aligqumelele ngomhlaba.

14. Kaloku igazi libubomi bayo yonke into ephilayo. Kungenxa yoko ke uNdikhoyo athe kumaSirayeli makangayityi inyama yento engophanga, yaye nabani na oyityayo uya kusikwa ebantwini bakaThixo.

funda isahluko epheleleyo Eyonqulo 17