Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyonqulo 17:12-16 Ibhayibhile (XHO96)

12. Yiyo ke loo nto uNdikhoyo athe amaSirayeli nabangeneleli maze bangayityi inyama yento engophanga.

13. Xa kukho umSirayeli okanye umngeneleli othe wazingela wabamba inyamakazi okanye intaka etyiwayo, kufuneka igazi layo alivuzisele emhlabeni, aze aligqumelele ngomhlaba.

14. Kaloku igazi libubomi bayo yonke into ephilayo. Kungenxa yoko ke uNdikhoyo athe kumaSirayeli makangayityi inyama yento engophanga, yaye nabani na oyityayo uya kusikwa ebantwini bakaThixo.

15. UmSirayeli okanye umngeneleli othe watya inyama yento efileyo, okanye ebulewe ngamarhamncwa, kufuneka ahlambe iimpahla, ahlambe nomzimba, alinde kutshone ilanga, ukuze uphele *umlaza.

16. Ukuba akayenzi loo nto, aze aqonde ukuba isala-kutyelwa sibona ngolophu.

funda isahluko epheleleyo Eyonqulo 17