Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyonqulo 13:46-59 Ibhayibhile (XHO96)

46. Uhlala enomlaza wonke lo gama asagula seso sifo, yaye kufuneka ahlale ngaphandle kwelali, kude nabanye abantu.

47. Xa impahla yoboya nokuba yilinen,

48. okanye ilaphu loboya nokuba yilinen, nokuba lithwathwa okanye into eyenziwe ngethwathwa,

49. ithe yanyepha yaba luhlaza okanye sabubomvu, inomngundane loo nto, mayiboniswe umbingeleli.

50. Umbingeleli woyiphicotha, aze ayibeke bucala iintsuku ezisixhenxe.

51. Wobuya ayijonge ngosuku lwesixhenxe, kuthi ke ukuba kuye kwanwenwa ukungunda, athi loo nto inomlaza.

52. Woyitshisa ke umbingeleli, nokuba yeyiphi kwezi zinto zikhankanyiweyo, kuba kaloku isasaza ukungunda omakutshatyalaliswe.

53. Xa kubonakala ukuba umngundane awunwenwanga kuloo nto,

54. umbingeleli uya kuthi mayihlanjwe, ize ibekwe bucala iintsuku ezisixhenxe.

55. Kuya kuthi ke xa ngaba ukungunda akuphelanga naxa kunganwenwanga, loo nto inomlaza kufuneka itshiswe nokuba ingunde ngaphandle okanye ngaphakathi.

56. Xa athe akuyijonga umbingeleli wafika umngundane uthothile, wowukrazula awususe kuloo nto, nokuba lilaphu, nokuba lithwathwa.

57. Xa kuphinde kwavela ukungunda, umnini-nto makayitshise, kuba kuza kwanda umngundane.

58. Xa athe wayihlamba loo nto, kwaza kwaphela ukungunda, makaphinde ayihlambe, ukuze ingabi namlaza.

59. Nantso ke inkqubo ngokuphathelele empahleni engundileyo, nokuba yeyoboya, nokuba yeyelinen, nokuba yinto eyenziwe ngethwathwa.

funda isahluko epheleleyo Eyonqulo 13