Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyonqulo 13:36-53 Ibhayibhile (XHO96)

36. umbingeleli wobuya amxilonge. Xa sibhidlile isilonda akukho mfuneko yakukhangela ukuba ngaba noboya bujikile na; kucacile ukuba loo mntu unawo umlaza.

37. Xa umbingeleli ebone ukuba asibhidli isilonda, yaye noboya abujikanga bala, nesilonda sirhawukile, uya kwazisa ukuba loo mntu akanawo umlaza.

38. Xa kukho indoda nokuba ngumfazi onamaqhakuva amhlophe emzimbeni,

39. umbingeleli makamxilonge loo mntu. Ukuba loo maqhakuva akacacanga, olo lurhatshalala nje oluvelileyo; loo mntu akanawo umlaza.

40-41. Ukuba umntu ukhuthuke iinwele enqentsu, okanye ebunzi, asingomlaza loo nto.

42. Kodwa ukuba kuloo ndawo ikhuthukileyo kuvele isilonda esinobubovu, loo nto sisifo esoyikekayo solusu.

43. Umbingeleli akuba emxilongile, abone ulusu lufukukile, lunobubovu,

44. kufuneka azise ukuba loo mntu unesifo esosulelayo esisentloko, ngoko ke unomlaza.

45. Umntu onaso esi sifo sosulelayo solusu kufuneka anxibe iimpahla ezidlakadlaka, angazichazi iinwele, aze azigqume ubuso obungezantsi, ahambe ekhwaza esithi: “Ndinomlaza! Ndinomlaza!”

46. Uhlala enomlaza wonke lo gama asagula seso sifo, yaye kufuneka ahlale ngaphandle kwelali, kude nabanye abantu.

47. Xa impahla yoboya nokuba yilinen,

48. okanye ilaphu loboya nokuba yilinen, nokuba lithwathwa okanye into eyenziwe ngethwathwa,

49. ithe yanyepha yaba luhlaza okanye sabubomvu, inomngundane loo nto, mayiboniswe umbingeleli.

50. Umbingeleli woyiphicotha, aze ayibeke bucala iintsuku ezisixhenxe.

51. Wobuya ayijonge ngosuku lwesixhenxe, kuthi ke ukuba kuye kwanwenwa ukungunda, athi loo nto inomlaza.

52. Woyitshisa ke umbingeleli, nokuba yeyiphi kwezi zinto zikhankanyiweyo, kuba kaloku isasaza ukungunda omakutshatyalaliswe.

53. Xa kubonakala ukuba umngundane awunwenwanga kuloo nto,

funda isahluko epheleleyo Eyonqulo 13