Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyonqulo 13:28-47 Ibhayibhile (XHO96)

28. Kodwa ukuba eso silonda asibhidlanga, sihleli sinjengoko besinjalo, yaye sirhawukile, ayisiso ke isifo solusu esosulelayo. Umbingeleli uya kwazisa ukuba loo mntu akanamlaza; into anayo sisilonda nje esenziwe kukutsha.

29. Ukuba kukho indoda nokuba ngumfazi othe wanesilonda entloko okanye esilevini,

30. eso silonda masixilongwe ngumbingeleli. Ukuba eso silonda sinzulu kunolusu lwangaphandle, yaye noboya bujike baba mhlophe-bumthubi, eso silonda sibangwa sisifo solusu esosulelayo. Loo mntu ke kuya kwaziswa ukuba unomlaza.

31. Xa kuthe akuxilongwa kwafunyanwa isilonda eso singenzulu kunolusu lwangaphandle, kodwa bona uboya bube bujikile ibala, kuya kufuneka agcinwe bucala iintsuku zibe sixhenxe.

32. Wobuya asixilonge ke eso silonda umbingeleli ngosuku lwesixhenxe, kuthi ke ukuba asibhidlanga, noboya bungajikanga ibala, yaye singenzulu kunolusu lwangaphandle,

33. loo mntu kufuneka achebe ashiye loo ndawo inesilonda. Aze ke umbingeleli aphinde amgcine bucala ezinye iintsuku ezisixhenxe.

34. Wobuya amxilonge ngosuku lwesixhenxe, sithi ke ukuba asibhidlanga isilonda, singenzulu kunolusu lwangaphandle, azise ke umbingeleli ukuba loo mntu uhlambulukile, akanamlaza. Loo mntu kufuneka ahlambe izambatho zakhe, ukuze ahlambuluke.

35. Xa sibhidla isilonda emva kokuba kuthiwe akanamlaza,

36. umbingeleli wobuya amxilonge. Xa sibhidlile isilonda akukho mfuneko yakukhangela ukuba ngaba noboya bujikile na; kucacile ukuba loo mntu unawo umlaza.

37. Xa umbingeleli ebone ukuba asibhidli isilonda, yaye noboya abujikanga bala, nesilonda sirhawukile, uya kwazisa ukuba loo mntu akanawo umlaza.

38. Xa kukho indoda nokuba ngumfazi onamaqhakuva amhlophe emzimbeni,

39. umbingeleli makamxilonge loo mntu. Ukuba loo maqhakuva akacacanga, olo lurhatshalala nje oluvelileyo; loo mntu akanawo umlaza.

40-41. Ukuba umntu ukhuthuke iinwele enqentsu, okanye ebunzi, asingomlaza loo nto.

42. Kodwa ukuba kuloo ndawo ikhuthukileyo kuvele isilonda esinobubovu, loo nto sisifo esoyikekayo solusu.

43. Umbingeleli akuba emxilongile, abone ulusu lufukukile, lunobubovu,

44. kufuneka azise ukuba loo mntu unesifo esosulelayo esisentloko, ngoko ke unomlaza.

45. Umntu onaso esi sifo sosulelayo solusu kufuneka anxibe iimpahla ezidlakadlaka, angazichazi iinwele, aze azigqume ubuso obungezantsi, ahambe ekhwaza esithi: “Ndinomlaza! Ndinomlaza!”

46. Uhlala enomlaza wonke lo gama asagula seso sifo, yaye kufuneka ahlale ngaphandle kwelali, kude nabanye abantu.

47. Xa impahla yoboya nokuba yilinen,

funda isahluko epheleleyo Eyonqulo 13