Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyonqulo 13:24-33 Ibhayibhile (XHO96)

24. Xa umntu ebetshile, size isilonda sivuthwe sibe nobubovu, singarhawuki,

25. kufuneka loo mntu axilongwe ngumbingeleli. Ukuba kufumaneka ukuba uboya bumhlophe, yaye nesilonda sibhidle saba nzulu kunolusu lwangaphandle, loo nto ivele ngokutsha, sisifo esosulelayo solusu. Makazise umbingeleli ukuba loo mntu unomlaza.

26. Kambe ke xa uboya bungajikanga baba mhlophe, nesilonda singenzulu kunolusu lwangaphandle, yaye sirhawukile, loo mntu makagcinwe bucala iintsuku zibe sixhenxe.

27. Ngomhla wesixhenxe umbingeleli wobuya amxilonge, kuthi ke ukuba siyabhidla isilonda, kube ke loo mntu uneso sifo solusu soyikekayo, aze ke umbingeleli azise ukuba loo mntu unesifo esibangela umlaza.

28. Kodwa ukuba eso silonda asibhidlanga, sihleli sinjengoko besinjalo, yaye sirhawukile, ayisiso ke isifo solusu esosulelayo. Umbingeleli uya kwazisa ukuba loo mntu akanamlaza; into anayo sisilonda nje esenziwe kukutsha.

29. Ukuba kukho indoda nokuba ngumfazi othe wanesilonda entloko okanye esilevini,

30. eso silonda masixilongwe ngumbingeleli. Ukuba eso silonda sinzulu kunolusu lwangaphandle, yaye noboya bujike baba mhlophe-bumthubi, eso silonda sibangwa sisifo solusu esosulelayo. Loo mntu ke kuya kwaziswa ukuba unomlaza.

31. Xa kuthe akuxilongwa kwafunyanwa isilonda eso singenzulu kunolusu lwangaphandle, kodwa bona uboya bube bujikile ibala, kuya kufuneka agcinwe bucala iintsuku zibe sixhenxe.

32. Wobuya asixilonge ke eso silonda umbingeleli ngosuku lwesixhenxe, kuthi ke ukuba asibhidlanga, noboya bungajikanga ibala, yaye singenzulu kunolusu lwangaphandle,

33. loo mntu kufuneka achebe ashiye loo ndawo inesilonda. Aze ke umbingeleli aphinde amgcine bucala ezinye iintsuku ezisixhenxe.

funda isahluko epheleleyo Eyonqulo 13