Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyonqulo 1:11-17 Ibhayibhile (XHO96)

11. Leyo makayixhelele kwicala elingasentla leqonga phambi kukaNdikhoyo, baze oonyana baka-Aron, ababingeleli, balitshize igazi kumacala onke eqonga.

12. Yakuba ihlahliwe, umbingeleli wozibeka emlilweni oseqongeni zonke ezo nyama, ndawonye nentloko kunye namanqatha.

13. Umntu onikelayo yena uya kuhlamba izibilini kwakunye namanqina elo dini, aze yena umbingeleli alitshise lonke apho eqongeni. Eli lidini elitshiswayo. Litshiswa ngomlilo, litsho ngevumba elithandekayo kuNdikhoyo.

14. “Ukuba yintaka ekwenziwa ngayo idini elitshiswayo, mayibe lihobe okanye ivukuthu.

15. Umbingeleli wolisondeza eqongeni, aliqhawule intamo, alitshise apho eqongeni. Igazi lona uya kulophisela apho ecaleni leqonga.

16. Wolikhupha indlelo, ayilahle kunye neentsiba kwicala elingasempumalanga kweqonga, apho kulahlwa khona uthuthu,

17. andule ukulibamba ngamaphiko, aliqhaqhe, kodwa angalikrazuli kubini; athi emva koko alitshise lonke apho eqongeni. Eli lidini elitshiswayo. Litshiswa ngomlilo, litsho ngevumba elithandekayo kuNdikhoyo.”

funda isahluko epheleleyo Eyonqulo 1