Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 9:7-14-15 Ibhayibhile (XHO96)

7. “Ze nichume nande, ukuze inzala yenu ilizalise ilizwe.”

8. Uqokele wathi uThixo kuNowa nakoonyana bakhe:

9. “Ngoku ndiza kwenza umnqophiso nani kwakunye nenzala yenu,

10. nazo zonke izinto eziphilayo: izilo zonke, kunye nempahla efuyiweyo, neentaka zonke; nditsho yonke into ebisenqanaweni kunye nani.

11. Ndithi andisobe ndizitshabalalise ngemvula kwakhona izinto eziphilayo. Ilizwe alisobe liphinde lipheliswe ngemvula. Ngumnqophiso wam lowo.

12-13. Umqondiso walo mnqophiso endikwenzela wona kunye nazo zonke izinto eziphilayo, ngumnyama oya kubakho esibhakabhakeni. Nguwo lowo umqondiso womnqophiso ongasoze ujike endiwenzela abantu nalo lonke elimiweyo.

14-15. Nanini na xa lisibekele, amafu eziingqimba, ndowukhumbula lo mnqophiso wam kwakuvela umnyama. Nditsho lo mnqophiso ndiwenzele wena nazo zonke izinto eziphilayo, ndisithi andisobe ndilitshabalalise ilizwe kwakhona ngemvula.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 9