Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 9:14-15-29 Ibhayibhile (XHO96)

14-15. Nanini na xa lisibekele, amafu eziingqimba, ndowukhumbula lo mnqophiso wam kwakuvela umnyama. Nditsho lo mnqophiso ndiwenzele wena nazo zonke izinto eziphilayo, ndisithi andisobe ndilitshabalalise ilizwe kwakhona ngemvula.

16. Wakuvela umnyama emafini, ndiwubone, ndokhumbula umnqophiso ongasoze ujike endiwuthembise zonke izinto eziphilayo elizweni.

17. Nguwo ke lowo umqondiso womnqophiso endiwenzela yonke into ephilayo.”

18. UNowa waphuma enqanaweni noShem noHam noYafete oonyana bakhe. (UHam nguyise kaKanana.)

19. Oonyana bakaNowa bobathathu ngookhokho babo bonke abantu elizweni.

20. UNowa owayengumlimi waqala ngokulima umdiliya.

21. Akuba esele iwayini uNowa wanxila, wakhulula, walala ze egumbini lakhe.

22. UHam, uyise kaKanana, uthe akumbona eze uyise, waphuma waya kuxelela abantakwabo phandle.

23. Ke bona ooShem noYafete bathatha ingubo, baya ngomva kuyise egumbini lakhe, bamambathisa bengamjonganga, ukuze bangamboni ehamba ze.

24. Akuqabuka uNowa, wayiva into eyenziwe ngunyana wakhe oligqibelo,

25. wathi:“Uqalekisiwe uKanana!Uya kuba lixhoba labantakwabo.

26. Mdumiseni *uNdikhoyo uThixo kaShem.UKanana uya kuba likhoboka likaShem.

27. Wanga uThixo angawandisa umhlaba kaYafete;yanga inzala yakhe ingaxhamla amathamsanqa kunye nekaShem;uKanana yena abe likhoboka likaYafete.”

28. UNowa wahlala amakhulu amathathu namashumi amahlanu emva kwemvula kanogumbe,

29. wabhubha emakhulu alithoba namashumi mahlanu ubudala.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 9