Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 9:11-18 Ibhayibhile (XHO96)

11. Ndithi andisobe ndizitshabalalise ngemvula kwakhona izinto eziphilayo. Ilizwe alisobe liphinde lipheliswe ngemvula. Ngumnqophiso wam lowo.

12-13. Umqondiso walo mnqophiso endikwenzela wona kunye nazo zonke izinto eziphilayo, ngumnyama oya kubakho esibhakabhakeni. Nguwo lowo umqondiso womnqophiso ongasoze ujike endiwenzela abantu nalo lonke elimiweyo.

14-15. Nanini na xa lisibekele, amafu eziingqimba, ndowukhumbula lo mnqophiso wam kwakuvela umnyama. Nditsho lo mnqophiso ndiwenzele wena nazo zonke izinto eziphilayo, ndisithi andisobe ndilitshabalalise ilizwe kwakhona ngemvula.

16. Wakuvela umnyama emafini, ndiwubone, ndokhumbula umnqophiso ongasoze ujike endiwuthembise zonke izinto eziphilayo elizweni.

17. Nguwo ke lowo umqondiso womnqophiso endiwenzela yonke into ephilayo.”

18. UNowa waphuma enqanaweni noShem noHam noYafete oonyana bakhe. (UHam nguyise kaKanana.)

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 9