Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 49:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. UYakobi wabiza oonyana bakhe, wathi: “Sondelani ndinixelele ngekamva lenu:

2. “Ndingqongeni nibek' iindlebe, zinto zikaYakobi;mbekeleni iindlebe uyihlo uSirayeli.

3. “URubhen lizibulo lam;ndazibon' amandla ngaye;ubudoda bam ndabuqonda ngaye.Ngoyena unamandla;ngoyena unewonga koonyana bam bonke.

4. Kambe ke akasayi kutshatshela.Yintw' efan' igqabhuke okomsinga wamanzi,kuba yangena iqadi likayise,yasixabhel' isilili soyise.

5. “USimon noLevi ngoonyongande kuzalana;zizibhoja ezixhel' abantu ngezixhobo zazo.

6. Andiwangeni amayelenqe abo;andinanxaxheba kwigqugula labo.Kaloku bagwint' abantu ngenxa yephuku;bangxwelerh' iinkomo ngenxa yemfeketho.

7. Linelishw' iphuku labo, kuba liyankwantyisa;unelishw' umsindo wabo, kub' ukhohlakele.Bona ndobabhacisa kulo lonke elakwaYakobi,babe ziintsalu kwelakwaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 49