Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 49:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. UYakobi wabiza oonyana bakhe, wathi: “Sondelani ndinixelele ngekamva lenu:

2. “Ndingqongeni nibek' iindlebe, zinto zikaYakobi;mbekeleni iindlebe uyihlo uSirayeli.

3. “URubhen lizibulo lam;ndazibon' amandla ngaye;ubudoda bam ndabuqonda ngaye.Ngoyena unamandla;ngoyena unewonga koonyana bam bonke.

4. Kambe ke akasayi kutshatshela.Yintw' efan' igqabhuke okomsinga wamanzi,kuba yangena iqadi likayise,yasixabhel' isilili soyise.

5. “USimon noLevi ngoonyongande kuzalana;zizibhoja ezixhel' abantu ngezixhobo zazo.

6. Andiwangeni amayelenqe abo;andinanxaxheba kwigqugula labo.Kaloku bagwint' abantu ngenxa yephuku;bangxwelerh' iinkomo ngenxa yemfeketho.

7. Linelishw' iphuku labo, kuba liyankwantyisa;unelishw' umsindo wabo, kub' ukhohlakele.Bona ndobabhacisa kulo lonke elakwaYakobi,babe ziintsalu kwelakwaSirayeli.

8. “UJuda yintw' edunyiswa ngamawayo;yintw' ezithe xhakamfu ngesixhanti iintshaba zayo,intw' ekhahlelwayo ngabantakwayo.

9. UJuda ndithi yintw' enga yingonyama,yintw' echwechwel' ixhoba,ibuy' ibuthume esikhundleni sayo;buthuthu izolile, ingabe iphazanyiswe nto.

10. NguJuda opheth' umsimbithi wokulawula.Uya kuhlala elawula njalo,ade afike umniniwo,izizwe zikhahlele kuye ngentobeko.

11. Sisinhanha esibhuqisa kungekavunwa,esindyebo ixhanyulwa naziidonki.Nguhlamba ngewayini,

12. intw' emehlo aligazi kukumfimfith' iwayini,le ntw' imazinyo amhlophe zizapholo.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 49