Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 48:9-22 Ibhayibhile (XHO96)

9. Uthe kuyise uJosefu: “Aba ngoonyana bam, andiphe bona uThixo apha eJiputa.”Uthe yena: “Basondeze kum, ndibathamsanqelise.”

10. USirayeli wayeselebona luzizi, kuba wayeselaluphele, engasaboni kakuhle ke ngoko. Wabasondeza ke uJosefu oonyana bakhe, uSirayeli wabanga.

11. Uthe uYakobi kuJosefu: “Bendingasatsho ukuba ndingabuya ndikubone, kodwa uThixo wenze ukuba ndibone nabantwana bakho.”

12. UJosefu ubasusile kuyise, waqubuda phambi koyise eqondele phantsi.

13. UJosefu wambeka uEfrayim ngasekhohlo kuyise, waza uManase yena wambeka ngasekunene.

14. Kodwa uSirayeli waziphambanisa izandla zakhe, wabeka isandla sakhe sokunene phezu koEfrayim, nakuba wayengomncinane yena; esokhohlo sona wasibeka kuManase, oyena wayengomkhulu.

15. Wandula ke uSirayeli ukumthamsanqelisa uJosefu wenjenje:“Makawathamsanqelise la makhwenkwe uThixo ka-Abraham noIsake.UThixo ondaluse kwada kwayile mini, makawathamsanqelise.

16. Ewe, osithunywa esandisindisa kuzo zonke iingozi makawathamsanqelise.Igama lam, nelika-Abraham noIsake, malihlale lihleli ngawo la makhwenkwe.Anga anganda achume ehlabathini.”

17. Wakhathazeka uJosefu akubona uyise ebeka isandla sokunene kuEfrayim. Waza wasisusa wasibeka phezu koManase.

18. Watsho esithi: “Musukwenza loo nto, bawo. Nanku omkhulu; sibeke kuye isandla sokunene.”

19. Wala uyise, esithi: “Mfo wam, ndiyayazi loo nto. Nayo inzala kaManase iya kuba sisizwe abaluleke. Kodwa ke yena umninawa wakhe uya kuba mkhulu kunaye, ize yona eyakhe inzala ibe zizizwe ngezizwe.”

20. Wabathamsanqelisa ke ngaloo mini, esithi: “Xa athamsanqelisa, amaSirayeli aya kunqula athi: ‘Wanga uThixo angakwenza ufuze uEfrayim noManase.’ ” Wenjenjalo ke uYakobi ukumisela uEfrayim abe ngaphezu koManase.

21. Wandula wathi kuJosefu uSirayeli: “Uyabona ke, mna sendiza kufa, kodwa uThixo uza kuba nani, anibuyisele kwilizwe lookhokho.

22. IShekem, endayihlutha kuma-Amori ngekrele nangotolo, ndiyinika wena; iya kumiwa nguwe, ingengabo abakhuluwa bakho.”

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 48