Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 41:39-45-46 Ibhayibhile (XHO96)

39. Ubhekise kuJosefu ke ukumkani, wathi: “Nguwe oyiboniswe nguThixo le nto yonke. Kucacile ke ukuba asinakubuya sifumane mntu wumbi onobulumko namava, ingenguwe.

40. Ndiza kwenza wena ube ngumphathiswa elizweni lam. Bonke abantu bam baya kuthobela wena. Igunya lakho liya kuba ngaphantsi kwelam qha.

41. Ngoko ke ndithi ungumphathiswa kulo lonke elaseJiputa.”

42. Watsho ukumkani wakhulula emnweni wakhe umsesane owawukrwelwe uphawu lokumkani, wawufaka emnweni kaJosefu. Wamthi wambu ngomnweba owenziwe ngelinen entle, watsho emgaxela entanyeni ngesidanga esenziwe ngegolide.

43. Wamnika enye yeenqwelo zakhe ukuba ajikeleze ngayo njengesekela likakumkani. Wamnika namaphakathi okuhamba emgabulela izigcawu endleleni esithi: “Shenxani nikhahlele!” Wamiselwa ke uJosefu, waba ngumphathiswa waseJiputa.

44. Wathi ukumkani kuye: “Ukumkani ndim, ndithi ke akukho bani kulo lonke elaseJiputa oya kwenza nto engakhululelwanga nguwe.”

45-46. Watsho ke ethiya uJosefu igama abizwa ngalo eJiputa elinguZafenati-paneya, wamzekela nomfazi, uAsenati intombi kaPotifare umbingeleli waseOni.Ukuqala kwakhe ukungena kwakumkani waseJiputa wayemashumi mathathu ubudala uJosefu. Wemka ebhotwe, walijikeleza lonke elaseJiputa.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 41