Wamnika enye yeenqwelo zakhe ukuba ajikeleze ngayo njengesekela likakumkani. Wamnika namaphakathi okuhamba emgabulela izigcawu endleleni esithi: “Shenxani nikhahlele!” Wamiselwa ke uJosefu, waba ngumphathiswa waseJiputa.