Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 3:14-24 Ibhayibhile (XHO96)

14. *UNdikhoyo uThixo uthe kuyo inyoka:“Ngenxa yesi senzo uqalekisiwe wena kuzo zonke izilo.Ukususela ngoku uya kurhubuluza ngesisu,utye uthuli bonke ubomi bakho.

15. Ndiza kudala ubutshaba phakathi kwakho nomfazi.Inzala yakho neyakhe ziya kuhlala zithiyene.Yona yokucumza intloko;wena woyiluma isithende.”

16. Waza wathi kuloo mfazi:“Wena uza kuthwala ubunzima ngakumbi xa ukhulelwe,udliwe yinimba xa uzalayo.Noko kunjalo umyeni wakho ùya kumlangazelela,lo gama ayinkosi yakho.”

17. Uthe endodeni uThixo:“Wena uve umkakho,watya kumthi ebendithe kuwe uze ungatyi kuwo.Ngenxa yento oyenzileyo keúqalekisiwe ngoku umhlaba.Ùya kusebenza nzima bonke ubomi bakho,ukuze umhlaba uvelise ukutya.

18. Kohluma ukhula nenkunzane.Uya kufa yindlala, utye umfino.

19. Uya kutya ukubila kwakhoude ubuyele kwakuloo mhlaba wawuthathwe kuwo.Wênziwa ngomhlaba;ke uya kubuya ube ngumhlaba.”

20. UAdam wamthiya igama umkakhe, wathi nguEfa, kuba kaloku luzalwa nguye lonke uluntu.

21. UNdikhoyo uThixo wabenzela izambatho zesikhumba senyamakazi, wabambesa zona ooAdam noEfa.

22. Wathi ke *uNdikhoyo uThixo: “Umntu ngoku unjengathi, uyakwazi ukucalula okuhle kokubi. Kuya kuthini ke xa athe wakha, watya kumthi wobomi, aze aphile angaze afe?”

23. UNdikhoyo uThixo wamgxothela ngaphandle komyezo umntu, wamenza umlimi womhlaba avele kuwo.

24. Kwicala elingasempumalanga lomyezo uThixo wabeka *izithunywa ezimaphiko nekrele elidangazelayo, elijika-jika lijonge kwiimbombo zonke. Zazilinde ukuba kungabikho bani usondelayo kumthi wobomi.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 3