Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 24:7-23 Ibhayibhile (XHO96)

7. NguNdikhoyo uThixo wezulu nomhlaba ngokwakhe owandisusa kwilizwe lakowethu, naphakathi kwezizalwane zam, wandithembisa efunga ukuba lo mhlaba uya kumiwa ngabazukulwana bam. Nguye oya kuthumela isithunywa sakhe apho, ungekafiki wena. Ke wofika apho uyifumane intombi eyoba ngumfazi wonyana wam.

8. Ukuba ke loo ntombi ayifuni kuza kweli lizwe, woba ke ukhululekile wena kwesi sifungo. Kodwa nokuba sekutheni, uzungakhe ulinge ukumsa kwelo zwe unyana wam.”

9. Sasenza ke isifungo saso isicaka, sithembisa ukwenza loo nto asiyalela yona uAbraham.

10. Induna ka-Abraham yahamba neshumi leenkamela, yaphatha neendidi ngeendidi zezipho. Yanduluka ukuya kwisixeko esasiseAram-narayim apho wayemi khona uNahore.

11. Yafika ukutshona kwelanga apho, ngexesha kanye iintombi ziya kukha amanzi. Iinkamela yaziphumza ngakumthombo owawusekungeneni kwesixeko eso.

12. Wathandaza loo mfo wathi: “Ndikhoyo, Thixo wenkosi yam uAbraham, khawundincede namhlanje usikhumbule isithembiso owasenza kuAbraham.

13. Naku ndilapha ngakulo mthombo, apho iintombi zalapha zikha khona amanzi.

14. Maze kuthi ke xa ndithi kuzo mazindikhelele amanzi ndisele, ithi leyo ithe yandipha yaza yathi iza kupha neenkamela zam zisele, ndiqonde ngaloo nto ke ukuba yile uyikhethele ukuba yendele kuIsake isicaka sakho. Ndokwazi kananjalo ukuba usigcinile isithembiso owasenza enkosini yam uAbraham.”

15. Uthe engekaphezi nokuthandaza kwafika uRabheka emthonjeni, ethwele ingqayi yamanzi. Yena ke yintombi kaBhetuweli unyana kaNahore umninawa ka-Abraham. Unina kaBhetuweli nguMilika.

16. Wayeyinzwakazi, eseyintombi nto engayaziyo indoda. Wehla waya emthonjeni, wayizalisa ingqayi, wabuya.

17. Loo mfo wakhawuleza ukumhlangabeza, wathi: “Khawundiphe amanzi ndisele kuloo ngqayi yakho.”

18. Wathi uRabheka: “Ungasela, mhlekazi.” Watsho eyithoba ingqayi, wambambela lo gama aselayo.

19. Akugqiba ukusela loo mfo, uthe uRabheka: “Ndiza kuzikhelela neenkamela zakho, zisele zanele.”

20. Wawagalela loo manzi ayesengqayini kwindawo yokuselela iinkamela, waquqa esiya kukha amanye, zada zasela zanela.

21. Lo mfo wayebukele ethe cwaka, ecinga ukuba ngaba lwaluphumelele na uhambo lwakhe.

22. Zakugqiba ukusela iinkamela loo mfo wakhupha ijikazi legolide, waliqhoboshela empumlweni kaRabheka, wamfaka nezacholo zegolide ezingalweni.

23. Wabuza wathi: “Uyintombi kabani? Phofu singayifumana indawo yokulala kowenu, sikhe siphumle ngokuhlwanje?”

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 24