Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 24:3-9 Ibhayibhile (XHO96)

3. Ndifuna ufunge phambi kukaNdikhoyo uThixo wezulu nomhlaba ukuba akusayi kumfunela umfazi unyana wam apha kwezi ntombi zaseKanana.

4. Kufuneka uye kwilizwe lakowethu, apho ikhoyo inkaba yam. Kulapho uya kumfunela khona umfazi uIsake, phakathi kwezizalwane zam.”

5. Sibuzile sathi isicaka sika-Abraham: “Ukuba loo ntombi ayivumi ukulishiya ikhaya layo ize apha kweli lizwe, ze ndithini? Ze ndimse apho kwelo zwe unyana wakho uIsake?”

6. Uthe uAbraham: “Uze ungakhe umse apho unyana wam.

7. NguNdikhoyo uThixo wezulu nomhlaba ngokwakhe owandisusa kwilizwe lakowethu, naphakathi kwezizalwane zam, wandithembisa efunga ukuba lo mhlaba uya kumiwa ngabazukulwana bam. Nguye oya kuthumela isithunywa sakhe apho, ungekafiki wena. Ke wofika apho uyifumane intombi eyoba ngumfazi wonyana wam.

8. Ukuba ke loo ntombi ayifuni kuza kweli lizwe, woba ke ukhululekile wena kwesi sifungo. Kodwa nokuba sekutheni, uzungakhe ulinge ukumsa kwelo zwe unyana wam.”

9. Sasenza ke isifungo saso isicaka, sithembisa ukwenza loo nto asiyalela yona uAbraham.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 24