Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 16:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Umka-Abram uSarayi wayengazali. Wayenesicakazana somJiputakazi esigama linguHagare.

2. Wathi ke uSarayi kuAbram: “Ndiyabona ukuba *uNdikhoyo akandiphanga inzala. Ungangeni uHagare nje, isicakakazi sam? Mhlawumbi angandizalela unyana yena.” UAbram wavuma.

3. USarayi ke wamnikezela uHagare abe ngumfazi omncinci ka-Abram. Le nto yehla selehleli ishumi leminyaka uAbram eKanana.

4. UAbram wadibana noHagare, waza uHagare wakhulelwa. Uthe ke akuziqonda ukuba ukhulelwe, waqhosha wamdela uSarayi.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 16